Ezingaqhelekanga

About The Book

Lo kaMahola uthi le ncwadi lizibulo lakhe ekubongeni kodwa isimbo sidiza ukuba ungumakad' enethwa kubhalo lwencwadi. Umbhali lo usebenzisa uthetha-thethwano ukutsala umdla kumfundi. Mve xa esithi Uvela phi ezinzulwini zobusuku? Kwisithandwa sam. Ngoku? Le mbongi igxila ngokufihla isithethe ngamava ayo entlalo yobomi. Esi sakhono sivela xa esithi Ethwel' ubhaka emqolo Okwenyosi ivela kuhlangula. Yiva kwakhon' intsingisel' efihlakeleyo xa esithi Iinkowan' ezinetyhefu zintshula phantsi kwamabunga. Uthi akuntyuntya ngeentaba zebhukazana angabi nako ukuzikhwebula kwiinkumbulo zobuntwana. Uzoba ubume beentaba izilwanyana ubomi nobuntwana ade azive umfundi engene tshwa kwawakhe amava amandulo. Kukwanjalo xa abona ukuvuthuluka kwezakhiwo zexabiso kwisikolo awayefunda kuso. Ude athi kumthandazo wakhe Bawo sixolele sasingazi ukuba sityala intshabalalo. Ungathabatheka xa umva esithi Ibali elityhafileyo liyabuna emlonyeni wegangxa. Unyanisile kuba kwimibongo yakhe umfundi akasayi kozela alale. Sinethemba lokuba le ncwadi iza kwengeza kuncwadi olukhoyo lwesiXhosa yaye iza kuvuselela ubhalo nofundo lolwimi lwethu. NguMbulelo Nzo
Piracy-free
Piracy-free
Assured Quality
Assured Quality
Secure Transactions
Secure Transactions
Delivery Options
Please enter pincode to check delivery time.
*COD & Shipping Charges may apply on certain items.
Review final details at checkout.
downArrow

Details


LOOKING TO PLACE A BULK ORDER?CLICK HERE